Isigqubuthelo | Ibandla likaThixo

Details
Title | Isigqubuthelo | Ibandla likaThixo |
Author | World Mission Society Church of God / Global |
Duration | 3:37 |
File Format | MP3 / MP4 |
Original URL | https://youtube.com/watch?v=pE5wWjixw7c |
Description
Kwiminyaka engama-2,000 eyadlulayo, uThixo
onguMdali weza kulo mhlaba egameni likaYesu,
waza wamisela umnqophiso omtsha.
Ngomnqophiso omtsha, abantwana bakaThixo,
ababandezelekileyo sisono nokufa,
banokuxolelwa isono nobomi obungunaphakade.
Kangangeminyaka emithathu, uYesu wamisela
abafundi bakhe umzekelo wokugcina umnqophiso
omtsha.
“Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze,
njengoko ndenzé ngako mna kuni.”Yoh 13:15
Emva kovuko, uYesu wacela abafundi bakhe
ukuba bafundise bonke abantu ukugcina
umnqophiso omtsha ukuze basindiswe.
( Mateyu 28:19 )
Belandela amazwi kaYesu, abafundi Bakhe
bashumayela umnqophiso omtsha.
Kumnqophiso omtsha, esinokuthi ngawo
sixolelwe izono, kukho ummiselo wonqulo.
Indoda esukuba igubungela intloko yayo
ngexesha lokunqula, kulihlazo oko kuThixo;
Ke yena umfazi, ukuba akagqubuthele,
kulihlazo oko entloko kuye. ( 1Ko 11:4 )
Kwibandla elilandela umnqophiso omtsha
owamiselwa nguKristu, umfazi ugquma intloko
ngesigqubuthelo xa enqula, ibe indoda
ayikwenzi oko.
Nangona kujalo, emva koNyuko lukaYesu,
abanye abafazi bazingisa kwelokuba
akuyomfuneko ukuba banxibe izigqubuthelo
elunqulweni.
Ngenxa yoku, umpostile uPawulos wababongoza
ukuba banxibe izigqubuthelo, ecacisa ukuba
iinwele ezinde zikhangeleka zintle
kumfazi ngokwendalo yomntu.
Yahlulani nina ngaphakathi kwenu;
kumfanele na umfazi ukuthandaza
kuThixo, engagqubuthele?
Kananjalo imvelo ngokwayo ayinifundisi na,
ukuba indoda okunene ethi ibe
neenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo?
Ke yena umfazi, ukuba uthi abe neenwele ezinde,
kuluzuko oko kuye; ngokuba wazinikwa
iinwele ezinde endaweni yesigqubuthelo.
Ke ukuba ubani ubonakala ethanda ukuphika,
thina asinasiko linjalo, kwanawo amabandla
kaThixo.
1 Korinte 11:13–16
IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba umfazi
ufanele agqume ngesigqubuthelo entloko
ebudeni bonqulo.
Uqheliselo lokunxiba isigqubuthelo somfazi
ebudeni bonqulo ngomnye wemithetho
omtsha owafundiswa nguYesu nompostile
uPawulos.
Kuyintando kaThixo ukulandela ummiselo
wesigqubuthelo.
[Amalungelo alomboniso-bhanyabhanya ngawombutho Womsebenzi Welizwe Ibandla likaThixo. Ayivumelekanga iimigaqo enxamnye nosazazo.]
〖World Mission Society Church of God〗https://watv.org
〖WATV Media Cast〗 https://watvmedia.org/xh
〖Southafrica〗 http://southafricawmscog.org